Reload
{"id":213452,"created_at":"2021-03-31 19:59:47","updated_at":"2021-04-14 22:03:08","deleted_at":null,"published_at":"2021-03-31 19:59:47","original_id":null,"artist_id":102466,"title":"Isbhaxu","slug":"isbhaxu","status":"published","description":null,"album_id":null,"streets":1,"source_type":"s3","source":"file","lyrics":"Bubusuku emva kwemini yengcawe ngomso ngumvulo siyavuka.\r\nKwamakhelwane sekunjalo ndiyamoyik' uchuk' ndambon' ulugqiba nangesthende.\r\nUmsindo wakh'uyafuth' unyusimpumlo ungafunga kuyanuka.\r\nLinene ungamphikel' iingxelo ngaye zinonyawo lwemfene. \r\nUthando luguquk' isihogo umhlekaz' uyibas' eyibasile.\r\nIsthandwa sakhe sokukhula akasokuz' iinyembez' asosule.\r\nUhlal'emkhumbuza lamhl' ivura limthathile. \r\nUvalo lwam kukub' iintsana zifike min' ithile ibhekil' eyikhabile.\r\nIntle lentokazi mhlawumbi lendod' ayizithembi.\r\nIlusizi lenyewe kuba lomf' uyazithanda neelokhwe.\r\nNdiyazibuza abazali bakhe bazizel' na iintombi.\r\nLendiyiva namhla ngumonakal' iinkonde zosaph' izifuna zonke. \r\nBubundindindi nobungqingqingqi ichukumisekil' imbethi manqindi.\r\nImbhulel'amasaka ibeth' izithong'akho mpendu lo.\r\nAsizulala sekucacile ndibuqiniseka nolutshab' akaseva kamnandi.\r\nIxesha liyahamba isikhal' asehli ndoyikel' umphefumlo.\r\nNdinxapha ndimnye ndizibuza kuthen' engamshiyi? \r\nAbantwana kuthen' beselaph' engabagodusi.\r\nYinyhikhitya nje le kumakhosi kutheni engayibiki.\r\nNdimph' umzuzu ndimthembile uzakuphuma. \r\nEbhadlile nje uzakuguq' icebo alifumame.","download_count":78,"play_count":13,"restrict_download":0,"generated_thumbnail":null,"flag_count":0,"download_count_24":2,"download_count_24_at":"2021-04-14","reupload_sent":0,"thumb_path":"https:\/\/s3.eu-central-1.amazonaws.com\/sol-assets\/uploads\/public\/606\/4b8\/5d6\/thumb_653730_300_300_0_0_crop.jpg","status_reason":"published","status_reason_alt":null,"tags":[]}
Isbhaxu

Onazo

Isbhaxu

Loading your song...
Downloads: 78

Song Lyrics:

Bubusuku emva kwemini yengcawe ngomso ngumvulo siyavuka. Kwamakhelwane sekunjalo ndiyamoyik' uchuk' ndambon' ulugqiba nangesthende. Umsindo wakh'uyafuth' unyusimpumlo ungafunga kuyanuka. Linene ungamphikel' iingxelo ngaye zinonyawo lwemfene. Uthando luguquk' isihogo umhlekaz' uyibas' eyibasile. Isthandwa sakhe sokukhula akasokuz' iinyembez' asosule. Uhlal'emkhumbuza lamhl' ivura limthathile. Uvalo lwam kukub' iintsana zifike min' ithile ibhekil' eyikhabile. Intle lentokazi mhlawumbi lendod' ayizithembi. Ilusizi lenyewe kuba lomf' uyazithanda neelokhwe. Ndiyazibuza abazali bakhe bazizel' na iintombi. Lendiyiva namhla ngumonakal' iinkonde zosaph' izifuna zonke. Bubundindindi nobungqingqingqi ichukumisekil' imbethi manqindi. Imbhulel'amasaka ibeth' izithong'akho mpendu lo. Asizulala sekucacile ndibuqiniseka nolutshab' akaseva kamnandi. Ixesha liyahamba isikhal' asehli ndoyikel' umphefumlo. Ndinxapha ndimnye ndizibuza kuthen' engamshiyi? Abantwana kuthen' beselaph' engabagodusi. Yinyhikhitya nje le kumakhosi kutheni engayibiki. Ndimph' umzuzu ndimthembile uzakuphuma. Ebhadlile nje uzakuguq' icebo alifumame.

Subscribe to get the hottest exclusive music and content straight to your inbox!

Register for Slikour On Life
Sign in for Slikour On Life